



IYAJUXUZE LWA IJAZZ
ETHEKWINI!
Ukuba uthi ijazz yeyeengwevu, cingisisa kwakhona..izinto sezatshintsha kuMzantsi-Afrika omtsha
 Ukusuka ekhohlo nguLulu Bolani uQedi Zulu, ukipa Gasa, uMelody Khumalo noSizi Mbhele 
bengqina endithetha ngako.

Umnu LL Goodman Mdubeki umphathi jikelele wekatz Nite Club, linene elithanda ukukhonzo 
nokuhlonela uluntu alisebenza nalo





 ZIYAGUQUKA izinto elizweni lethu kangangokuba akukho sizathu sakukhenketha uye eMontreaux, eNew Orleans, eNew Jersey, eNew York ukuze uphulaphule ijazz yokwenyani kuba ikho kwaye uyavakala umgqumo wayo kuMzantsi Afrika Omtsha!
Mvanje iKatz Nite CIub, enye yeendawo ezinkulu zokuzonwabisa embindini weTheku, ibiqalisa ukukhalisa ijazz okokuqala ukususela oko yavulelwa uluntu ngoNovemba 23 nyakenye. Le klabhu yeyabafo bodumo kwezolonwabo eThekwini uMandla Ngcobo, uVusi Mvelasi noGoodman Mdubeki.
Ndimbuzile uMnu. Goodman Mdubeki ongumphathi wale klabhu ukuthi yintoni le ebabangele bagqiba ekubeni bonwabise abathandi bejazz. Uthe: Sigqibe ekubeni le ndawo siyenze ibe likhaya labathandi bejazz ngeecawa kuba ngaphambili bebengahoywanga.
Ukubhala kukuchaza konke! Iimvumi zeMusic Unlimited, ekukho noBrian Thusi kuzo, ziye mvanje zavakalisa ubukho bazo xa bezicula okokucala ijazz eThekwini. Ukusuka ekhohlo nguJerry Kunene (umvutheli wesaxophone), uMario Montetegy (umvutheli wetombone), uBrian Thusi (umvutheli wexilongo) noLex Fushane (webhesi).
Ndimbuze ngabantu abeza kwiklabhu yakhe uthe: Abantu abeza apha ngamanene azo zonke iintlanga. Inkoliso yabo ngabantu abafundileyo njengoogqirha, iititshala, njalo njalo.
Ngale mvakwemini yokuqalisa oku abathandi bejazz bonwatyiswe nguBrian Thusi othandwayo nayiMusic Unlimited ngomculo omnandi weblues. Badlale iingoma eziqanjwe ngabo nezinye iingoma zezinye iimvumi.
UBrian ucule namaqela adumileyo emculweni kweli laseMzanlsi Afrika njengeRhythm Aces, ijukes Combo, iDrive namanye. Uthe akusweleka uyise, naye obenefuthe elihle, uBrian wakhe warhoxa emculweni iminyaka emibini.
Ndikhe ndathi cakatha kwamanye amazwe njengasejapan, eostreliya, eFrance nakwamanye amazwe. Ndifunde
-UBrian Thusi, igcisa lomculo wejazz kweli, evuthela iinowuthi ephambili yomculo emenze wathandwa kweli naphesheya.

kwiUniversily of New Jersey eAlburquerque, kwiMpuma yeNew Mexico - ePortales naseHoward University apho ndiye ndabalasela ekukhaliseni ixilongo. Ndibe nethamsanqa Iokukhwela eqongeni neemvumi zejazz eziphambili zamanye amazwe njengo Stanley
 Turrenline, uBobby McFarrne, uLouis Bellson, uSlied Hampton, uSadao Watanabe, nezinye ezininzi, utsho encumile.
Abebekho xa bekuqala ukukhaliswa kwejazz baphindaphinde becela kwiMusic Unlimited iingoma ezininzi zomculo web/ues. Kodwa abakhange babe nako ukudlala ezinye iingoma kuba ixesha beseliphelile.
Ukuba nawe ungumthandi wejazz
- okanye ukuba akuyithandi -khawuye eKatz Nite Club ngenye imini ngeCawe. 







U-Emmanuel ngowaseRustenburg apho wayecula namaqela entambula amancinane aselokishini. Xa wayefuna amadlelo aluhlaza eRhawutini wafunda umculo eDorkay House ukuya kutsho kugrade four.
USpencer ngowaseHeilbron e0range Free State apho wangumcofi wohodi kwiqela lentambula, iRufaro. Kuthe eli qela lakuqhekeka ngo-1985 waya eFrankfurt apho waseka iqela lentambula, i-10 percent, yaye bashicilela icwecwe elithi Luckiest Guy ngaphambi kokuba liqhekeke.
Phambi kokuba aye eRhawutini useke iqela leSweet Melodies kunye namanye amalungu eqela eOYaba ngoku. ERhawutini wafika wadibana noEmmanuel baza bacula kunye kwiqela lentambula likaTeanet.
Bobabini bathe bakuqhekeka kwiqela likaPeta Teanet babandakanyeka ekuqambeni umculo weMobforce bekunye noDavid Simelane. Ingoma yabo yokuqala yeMobforce ekhutshwe ngo-1991 ithengise amacwecwe angaphezu kwama-50 000.
Emva kwale mpumelelo yokuqala bashicilele amanye amacwecwe
aquka elithi Baile lomculo weTaboo nelithengwe ngaphezu kwamacwecwe angama-25 000. Amanye amacwecwe abawaqambileyo aquka icwecwe elithi Manyweu (25 000) lePVP, elithi Forever Friends nelithi Why Don't You Love Us leGroovy Girls.
Ezi mvumi ziqambe necwecwe
likaCheeky Bos nelikaNtsiki Vava. Bakwaprodyuse nelithi Lesilo likaSox. Okwangoku bankqenkqeza phambili kunye neMobcity 11 neMob Jive Party esezithengise ngaphezu kwamacwecwe angama-70 000.
Iingoma eziphambili zabo zezithi Tsware, Squeeze Me nethi Henene.



54 BONA XHOSA JULY 1995
ULUTSHA LWASEKAGISO
lufuna ukuba nelizwi


Kwiminyaka emihlanu edlulileyo ulutsha lwale lokishi belulwela ukuba lumelwe kwimibutho yolutsha, eyabazali neyoosomashishini.Ngoku lugqibe ekubeni luzimele emva kokuba lunganeliswa
kubhale uBONGANI HLATSHWAYO kwafota uTHEMBA NKOSI


KUTSHANJE sithethe noZandi Zigasa (usihlalo), uMzwandile Ndebele
(unobhala), uMoole Mpinga
(unondyebo), uNkosinathi Khumalo
(igosa lonxibelelwano) kunye
noBongani Mbelu, uNhlanhla Mavuso
noLanga Mbambisa. Bonke bangamalungu eAfrican Hope Cultural Group.
Amanye amalungu alo mbutho ayengamalungu eBlack Talent Drama Society neminye imibutho emincinane ngeminyaka yoo-80. Ngalo minyaka yayithandwa imibhiyozo yezithethe de lwaqhambuka udushe kule lokishi yaza yonke loo nto yaphela.
Luthe lwakuthotha udushe, sadibana ngo-1990 sizama ukuvuselela imibhiyozo yezithethe nenkcubeko kwilokishini yethu. Kwakufuneka sibuyisele ukuthembana eluntwini kuba basebethiyene.
NjengeAfrican Hope Cultural Group, saqonda ukuba luxanduva lwethu ukumanya ulutsha nokubuyisela imeko kweyesiqhelo ngokulubandakanya kwizinto esizenzayo.
Sifumana intsabelo emangalisayo elutsheni kodwa abazali noosomashishini abakalixhasi ngokupheleleyo iphulo lethu, utsho
uBongani Mbelu. I-African Hope Cultural Group
izimisele ukumanya zonke iiklabhu zolutsha kule lokishi zibe phantsi kombutho omnye. Izimisele nokuphelisa ubuhlanga neyantlukwano ebangelwa kukuba ngamalungu emibutho eyahlukeneyo yepolitiki eseyinexesha elide ikhona.
Amaphulo aza kufumana ingqalelo ethe kratya ziindibano nemiboniso engeAIDs, ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, ukukhulelwa kolutsha, amaphulo okucoca nokukhathalelwa kwabantu abalupheleyo.
Sifuna ukwenza iinzame zokulumla ulutsha kulwaphulo-mthetho nodushe. Iindibano zokuncazelana ulwazi, imidlalo yeqonga, umculo nokuyilwa kwemidaniso esikwenzayo kuya kusenzela oko.
Sifumene nokuba kukho iziphiwo apha ezifanele zivunjululwe, ziphuculwe yaye ziboniswe. Kungoku nje siqalisile kwelo phulo, utsho uZandi Sigasa.




I-African Hope Cultural Group ingenele ukhuphiswano lweShell Road To Fame Tatent Search 
okokuqala kulo nyaka kwingingqi yaseWest Rand, yaye ifikelele kwiikota-fayinali zolu khuphiswano - nekuyimpumelelo enkulu kwiqela eliqalayo ukulungenela olu khuphiswano.
Xa besiwutyelele lo mbutho sifike amalungu awo exakekile eziqhelisa emdlalweni weqonga abaza 
kuwudlala kwiSurf Micro Drama Fesfival.
Kusebusika ngoku yaye siza kwenza amaphulo okuqokelela imali ukuze sibe nokuthengela abantu 
abalupheleyo nabahlelelekileyo ukutya neengubo.
Abantu abalupheleyo abahoywanga eluntwini lwakowethu. Sifuna ukuba negalelo, njengendlela 
yokubabulela nokubonisa ukuba sibakhathalele.
Ngeemini ezibandayo zasebusika

lqela elimanyeneyo lifuna ukuphathwa ngabantu abazinikeleyo - 
njengoko kunjalo kwiAfrican Hope Cultural Group.

zokwamkelwa kwenkam-nkam, eziholweni, siza kupha abantu abalupheleyo isuphu. Ukuba besinawo
 amandla besiza kubanceda nangezinto zokuhamba, phofu ke siyathemba uThixo uza kusinceda 
ngenye imini, utsho uNkosinathi Khumalo.
l-African Hope Cultural Group inqwenela nokuphucula umgangatho wenkcubeko kute lokishi uye
 kufikelela kwinqanaba labahlawulwayo. Lo mbutho ufuna ukuthumela amalungu awo kwezinye
 iindawo ayofunda ngezinye izithethe, nto leyo iya kulandisa iqela labo liquke namaqela alo lonke eli.
Abantu abanemibuzo okanye abafuna uncedo kwiAfrican Hope Cultural Group banokubhalela kule
 dilesi: 2357 Senzangakhona Drive, Kagiso, 1744, okanye kwethi: Box 365, Kagiso, 744.
Banako nokuqhagamshelana
noZandi Sigasa kule nombolo (011)
4105615 okanye uMoole Mpinga kwethi
(011) 4108278.











58 BONA XHOSA - JuIy 1995 Lo ngumhlathi wesine kwethunyelwa lulutsha lwalo lonke eli. ethetha nangawuphi na umba ochaphazela inkqubela yalo. Umxholo wale nyanga uthi: ULUTSHA NOBUKRESTU



IINKCUKACHA NGOMBHALI: UMaureen Tsotetsi ngumbhexeshi wenkqubo yeCCV-TV iReaI Vision nalapho asasaza khona iinkqubo zokholo ezilungiselelwe ulutsha lweli ngokubanzi.
Inkaba kaMaureen owaziwa kakhulu kwezomculo ngegama lika-Sister Blaze, iseBloemfontein eFreyistata. Njengomntu osemtsha nosafikayo emculweni usokole kakhulu kodwa uthe akwamkela uYesu Krestu njengomsindisi wakhe batshintsha ubomi bakhe waza waqalisa ukuhambisa ivangeli ngomzimba ongenaxhala. lnto asayenzayo nanamhlanje.




1
 ITHINI iBhayibhile ngolutsha? Angaphumelela njani umntu eselula? Ngaba unako ukuphila. ubomi obunyulu obungahlangabezani nempikiswano kweli xesha siphila kulo? Zingxaki zini oluhlangabezana nazo ulutsha kule mihla?
USathana wenze konke okusemandleni akhe kule minyaka ingama-30 idlulileyo ukususa ulutsha esandleni sikaThixo. Kodwa ngenxa kaThixo ziphelile iintsuku zikaSathana nolutsha. Ulutsha lweli lizwe luqalisa ukulwamkela uKholo.
Luza kuzisa izihlwele ezininzi ebuKumkanini bukaThixo. Lithuba IikaThixo nolutsha eli. Lixesha lokuvuna kulutsha.
INtshumayeli 12: 1 ithi - Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho - ingekezi. imihla yobubi, ingekafiki iminyaka Siphila kwiminyaka yenkohlakalo. Lisondele ixesha lokuza kukaYesu kwaye noSathana akanakumthintela. UThixo uyaluthanda ulutsha. Ufuna
Iindaba
Zolutsha
ukulitshintsha ngalo ihlabathi -nanjengoko wenzayo kuYosefu, uDavide, uDaniel noTimoti kwabakhethiweyo.
BEBATSHA benjalo uThixo wabawonga ngokuzinikela, ukuthembeka nokuthobela kwabo. Lilonke, waba nako ukwenza imimangaliso emininzi ebomini babo.
Kodwa ke ngaba kutheni uThixo ekhetha abantu abatsha? Ubakhetha kuba bekuthanda. ukutshintsha nokuhlangabezana neemeko ezicela umngeni. Ukuba ngaba ulutsha lugqiba ekubeni
lwenze into luyenza NGOKU loo nto, hayi ngeny'imini.
Kuba umtyholi ekwazi oko uye alusebenzisele uncedo lwakhe noluyakwenza lutshabalale ulutsha (umzekelo izidubedube zika-1976 eSoweto). Ulutsha lwaluphambili kwalulo olutshatyalaliswayo.
Yintlekele le ingakumbi xa siqwalasela into yokuba ulutsha lungama-60 ekhulwini ebantwini abasemhlabeni.
Ukuzibandakanya namaqela angento, iziyobisi njalo-njalo uyalususa kwaphela ulutsha ubuKrestu. Kungeso sizathu iziyobisi zisasazeke kangaka elutsheni -usathana uluthathele kuye kuba ulutsha lusoloko lufuna ukulinga izinto ezintsha ngalo ndlela abe uyalutshabalalisa.
Phaphamani lutsha! Phakamani nibalelwe enanini - lithuba lenu eli. Balaselani eNkosini!
Ulutsha lufuna ukukhuthazwa; ukuthathelwa ingqalelo: ukunikwa inxaxheba kumabandla alo. Luza kuzenza iimpazamo, kwaye ngokuqinisekileyo ezinye ziya kulungena enyameni, kuba baselula, kodwa ekugqibeleni okulungileyo kuyakudenda okungalunganga.
Iimpazamo oluzenzayo luya kuzenza lusondela kuThixo endaweni yokuba luzenze luchasele kuye. Kuyo nayiphi na into esiyenzayo masingabi nazazela ngokulubhekelisa kuThixo ulutsha kubhetele ukuphulaphula kunokugweba.
Nina  lutsha nifuna ukukhunjulwa ngantoni? Konke kuxhomekeke kuni. UDavide, uYosefu, uTimoti kunye nabanye babephila njengathi kodwa baba negalelo elingayiwayo ehlabathini.
NANI ningakwenza oko. Khumbulani nisemhlabeni ngokwentando nangenjongo kaThixo. UYesu uyanithanda
UThixo anisikelele. 








44 BONA XHOSA - Julv 1995

		BONA XHOSA - JuIy 1995 47

54 BONA XHOSA - July 1995

		BONA XHOSA - JuIv 1995 55

